Matthew 19:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kuko abatenwa abazelweyo benjalo kwa sesizalweni sonina; kuko nabatenwa, abenziweyo abatenwa ngabantu; kuko nabatenwa, abazenzileyo abatenwa ngenxa yobukumkani bezulu. Ongamkela oku, maka kw amkele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba kukho amathenwa azelwe enjalo kwasesizalweni sonina;kukho namathenwa athenwa ngabantu; kukho namathenwa azithenileyo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unokukuqonda oku makakuqonde.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kukho amathenwa azalwa enjalo kwasesizalweni sonina; kukho namathenwa enziwa abantu amathenwa; kukho namathenwa azithenwayo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unako ukukwamkela, makakuthabathe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba kaloku bakho abangenamnqweno wakuzeka, ngenxa yokuba bâzalwa benjalo, okanye bênziwa banjalo ngabantu, kanti bakwakho nâbo bakuncamileyo ukuzeka ngenxa yokuthobela ulawulo lukaThixo. Onako ukuyiva le nto makaqiqe.”