Matthew 19:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o ngutixo. Kodwa ukuba unga ungangena ebomini, gcina imiyalelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke yena kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthe wangena ebomini, yigcine imithetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wathi kuye: “Kutheni ukuba undibuze ngokulungileyo? Mnye kuphela olungileyo. Ukuba ufuna ukubudla ubomi, yigcine imiyalelo.”