Matthew 19:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabo bonke abashiyileyo izindlu, umhlaumbi abaninawe, umhlaumbi odade, umhlaumbi uyise, umhlaumbi unina, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi abantwana, umhlaumbi amasimi, ngenxa yegama lam, baya kwamkela ngekulu, balidle ilifa lobomi obungunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wonke umntu oncame ikhaya nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela ngokuphinda-phindiweyo, abe nenxaxheba kubomi obungunaphakade.