Matthew 19:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kweza kuye nabafarisi bemlinga, besiti kuye: Kufanelekile emntwini ukulahla umfazi wake ngenxa yamatuba onke na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kweza kuye abaFarisi bemlinga, besithi kuye, Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kweza kuye abaFarisi bemlinga, besithi kuye, Kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bafika kuye *abaFarasi, bambuza bemlinga, bathi: “Ngaba kuvumelekile na okokuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu?”