Matthew 2:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa zimkile zona, bona ke, ingelosi yenkosi yabonakala epupeni ku‐Josefe, isiti: Suka, utabate umntwana nonina, usabele e‐Jipete, uze ubeko kona ndide ndikuxelele; ngokuba u‐Herodi eza kufuna umntwana ukuba ambubise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zithe zakubon ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zithe xa zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, ube khona apho ndide ndikuxelele; uya kumfuna umntwana lowo ukuba amtshabalalise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zakuba zimkile iingcali, kwabonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni, sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, ubalekele eJiputa, uhlale apho de ndikuxelele, kuba uHerode uzimisele ukumbulala umntwana.”