Matthew 2:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Herodi, akubona ukuba ukohlisiwe zizilumko, wanomsindo kakulu, watuma ke, wabulala bonke abantwana abase‐Beteleheme nakuyo yonke imida yayo, ababudala buyiminyaka mibini nangapantsi, njengexesha wayekolisile ukubuza lona kuzo izilumko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, ngokwesiko lazo. Ixesha awayelibuzile ngenkuthalo kwizilumko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uHerode, akubona ukuba iingcali zeenkwenkwezi zimkhohlisile, waba nomsindo kakhulu, wayalela ukuba kubulawe bonke abantwana abangamakhwenkwe abaseBhetelehem nakuwo wonke loo mmandla, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kwiingcali.