Matthew 2:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa akuva ukuba u‐Arakelosi ungukumkani e‐Judeya esikundleni sika‐Herodi uyise, woyika ukuhambela kona; koko, eyaliwe ngutixo epupeni, wemkela kwizahlulo zase‐Galili,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona;wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuya khona; wathi, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwimimandla yelaseGalili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaJuda esikhundleni sikayise uHerode, woyika ukuya khona; wathi, eyalelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwiphondo laseGalili,