Matthew 20:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wapendula wati kwomnye wabo: Sihlobo! andikwoni ke; ubungavumelananga nam ukusebenz ela idenari na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni;ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uphendule ke wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umninimzi wabhekisa komnye, wathi: ‘Mfondini, andiqhathanga mntu. Besingavumelananga na ngemali eqhele ukwamkeliswa umntu ngemini?