Matthew 21:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bati kuye: Uyeva na into abayitetayo aba? Wayesiti u‐Yesu kubo: Ewe; anizanga nileseshe na ukuti: Ngomlomo wentsana nabanyayo umisile udumiso?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele udumiso?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi kubo uYesu, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?” UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’”