Matthew 21:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akubona umkiwane otile ngasendleleni, weza ngakuwo; kuloko engafumananga nto kuwo, kupela amagqabi odwa: waza wati kuwo: Makungabi savela isiqa̔mo kuwe kude kube ngunapakade. Wahla wabuna kamsinya umkiwane lowo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; wathi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wabuna kwangoko umkhiwane lowo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ebone umkhiwane ngasendleleni, waya kuwo, kodwa akafumana siqhamo, yaba ngamagqabi kuphela. Wathi kuwo: “Makungaze kubekho siqhamo kuwe naphakade.” Waza woma kwangoko umkhiwane lowo.