Matthew 21:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku akungena etempileni, kweza kuye, xa afundisayo, abaperisite abakulu nabadala babantu, besiti: Uzenza ezizinto ngegunya lanina? kanjalo ngubanina owanika eligunya kuwe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? ngubani na ke okunike eli gunya?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wangena endlwini kaThixo wafundisa. Beza kuye ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, bathi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ngubani okunike eli gunya?”