Matthew 21:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wapendula u‐Yesu wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, endiya kuti, nxa nindixelele yona, ndandul’ ukunixelela nam kungelanina igunya endizenza ezizinto:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.