Matthew 21:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubapitizesho luka‐Johane beluvela pina? ezulwini, ebantwini, kusinina? Baza babuzana bodwa, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti kuti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na? ezulwini, nokuba ngabantu? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini; wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba igunya likaYohane lokubhaptiza laliphuma ezulwini, okanye laliphuma ebantwini?” Baxoxa ke bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Laliphuma ezulwini,’ wothi: ‘Bekungani na phofu ukuba ningàkholwa kuye?’