Matthew 21:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bapendula ku‐Yesu bati: Asazi. Wati kubo naye: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamphendula uYesu bathi, Asazi. Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Wathi ke kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphendula bathi kuYesu: “Asazi.” Waza yena wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”