Matthew 22:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza batuma kuye abadisipile babo kunye nabaherodi, besiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso, ungakatali ngumntu: ngokuba ungabuki ubuso babantu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe.