Matthew 22:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bekuko kuti abazalwana abasixe̔nxe; waza owokuqala wazeka wabuba; wati engenanzalo, wamshiyela kumninawe wake umfazi wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku, phakathi kwethu kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana, waza umfazi lowo waba ngowomninawa.