Matthew 23:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nijikajikela ulwandle n omhlaba owomileyo, ukuze nenze libe linye ikolwa lobujuda, eniti, lakuba njalo, nilenze umntwana wesihogo somlilo ngento epindiweyo kabini ngapezu kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze abe mnye ongena ebuYudeni; nithi ke, nakuba nibe, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.