Matthew 23:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nihlambulula indebe nesitya ngapandle, kanti ngapakati zizele bubupanga nobuncwangu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kukuphanga nokugqithisela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kokufunyenwe ngokuphanga nokunyoluka.