Matthew 23:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nifana namancw̔aba aqatyiweyo ngobumhlope, ati ngapandle ke abonakale emahle, kodwa ngapakati azele ngamatambo abafileyo nakuko konke ukunco̔la.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nifana namangcwaba aqatywe mhlophe, abonakala emahle ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nako konke ukungcola.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nifana namangcwaba avetiweyo, ambonakalo intle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo ezidumbu nako konke okungcolileyo.