Matthew 23:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba kuze pezu kwenu lonke igazi elilungileyo lipalazwa emhlabeni, kutabata egazini lika‐Abele olungileyo, kude kube segazini lika‐Zekariya unyana ka‐Berekiya, lowo nambulalayo pakati kwendawo eyingcwele nesibingelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBharakiya, enambulalayo phakathi kwetempile nesibingelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngako oko lobizwa kuni igazi lawo onke amalungisa elithe laphalazwa emhlabeni, ukususela kwelika-Abheli olilungisa, kuse kwelikaZakariya, unyana kaBherekiya, enambulalela endlwini kaThixo phakathi kwengcwele neqonga lamadini.