Matthew 24:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwohla kuti ke emveni kwembandezelo yemihla leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, namandla amazulu aya kuzanyazanyiswa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwangoko emva kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke.