Matthew 25:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Seza ke neso sibe samkele italente enye, sati: Nkosi! ndakwazi wena ukuba ungumntu olukuni, uvuna apo ungahlwayelanga kona, ubuta apo ungaci̔telanga kona;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Seza ke neso sicaka sasinikwe ekwiwaka elinyé, sathi: ‘Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna ongakuhlwayelanga, uqokelele ongakulimanga.