Matthew 26:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Yiyani esixekweni kumntu otile, niti kuye: Uti umfundisi: Ixesha lam likufupi; ipasika ndiya kuyenza kuwe kunye nabadisipile bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kwakho ipasika nabafundi bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wathi: “Hambani niye esixekweni kumntu othile, nithi kuye: ‘UMfundisi uthi: Ixesha lam lisondele. Mna nabafundi bam siya kuyityela kwakho iPasika.’ ”