Matthew 26:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Unyana wesintu uyemka okunene, njengokuba kuba̔liwe ngaye; kodwa kwoba nzima kulowamntu unyana wesintu ungcatshwa nguye! bekumlungele, ukuba ebengazalwanga lowamntu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye.Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye!Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Okunene yena *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele loo mntu ukuba ebengazalwanga.”