Matthew 26:47 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa abesateta, bona ke, kweza u‐Jude, owabalishumi linababini, nesihlwele esikulu kunye naye sineziṙele nenduku, sivela kubo abaperisite abakulu nabadala babantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nakumadoda amakhulu.