Matthew 26:52 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Yesu kuye: Sibuyisele endaweni yaso isiṙele sako; ngokuba bonke abasitabatayo isiṙele beya kububa ngesiṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wathi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza uYesu wathi kuye: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho. Bonke abasebenzisa ikrele, baya kutshabalala ngekrele.