Matthew 26:63 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko u‐Yesu wati tu. Waza wapendula umperisite omkulu wati kuye: Ndiyakufungisa utixo opilileyo, uze usixelele ukuba unguye na u‐Kristu, unyana katixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahlala yena uYesu wathi tu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi tu uYesu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, uNyana kaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.”