Matthew 26:73 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati ke kwakuba mzuzwana, basondela abebemi kona bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso nawe ungowakubo; ngokuba nokuteta kwako kukuhlakazela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba intetho yakho iyakudiza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.”