Matthew 27:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kekaloku ehleli nje esihlalweni sokugweba, umfazi wake watuma kuye; esiti: Ungenzi nto kulowamntu olungileyo; ngokuba intlungu ezininzi ndabendiziva namhla epupeni ngaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubon ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba ehleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.”