Matthew 27:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abanye wabasindisa, yena ngokwake akangezisindise: ukuba ungukumkani wo‐Sirayeli, makehle kaloku nje ekuruseni, sasiya kukolwa nguye:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni;sokholwa nguye;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabasindisa abanye; yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba unguKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, size simkholwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba únguKumkani wakwaSirayeli makehle kaloku emnqamlezweni; sothi ke sikholwe kuye.