Matthew 27:64 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yalela ngoko ukuba kuqiniswe incw̔aba lude lube lolwesitatu usuku; hlezibe abadisipile bake beze ebusuku bambe̔, baze bati ebantwini: Uvukile ekufeni; ize iti inkohliso yokupela igqitise eyokuqala ngokuba mbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko yalela okokuba ingcwaba linqatyiswe de kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze bambe, ze bathi ebantwini uvukile ekufeni, luze olu lahlekiso lokugqibela lube ngaphezulu kunolokuqala.”