Matthew 27:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwazaliseka oko kwatetwayo ngu‐Jeremiya umprofite, esiti: Baza batabata lomaqosha esilivere engamashumi matatu, elinani lalowo kwenziwa inani ngaye, lowo walenzelwayo inani ngabo abosapo luka‐Sirayeli,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, abammisela inani aboonyana bakaSirayeli,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwazaliseka ke okwathethwayo ngomprofeti uYeremiya, esithi, Bawathabatha amaqhosha esilivere amashumi mathathu, ixabiso lalowo uqiqiweyo, lowo waqingqwelwa ngoonyana bakaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),