Matthew 3:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna okunene ndiyanibapitizesha ngamanzi lube luguquko; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla amakulu kwawam, endingafanelekile ukutwala izihlangu zake; yena wonibapitizesha ngomoya oyingcwele nangomlilo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena ke uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, ndibonisa ukuguquka kwenu; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam. Andikufanelanga nokukhulula izihlangu ezi zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.