Matthew 3:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wapendula u‐Yesu wati kuye: Kauvume kube kaloku nje; ngokuba ngokunjalo kufanelekile kuti ukuzalisekisa bonke ubulungisa. Wandula ukumvumela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa.Andule ke ukumvumela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uphendule uYesu wathi kuye, Vuma okwakalokunje; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Waza wamvumela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uYesu wathi kuye: “Vuma okwangoku, kuba kusifanele thina ukwenjenjalo, ukuze senze konke okufunwa nguThixo.” Wavuma ke uYohane.