Matthew 4:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kuye: Ukuba ungunyana katixo, ziwise pantsi; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, eziya kukufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, zaye ziya kukufukula ngezandla, hleze ubetheke ngonyawo lwakho eweni ilitye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi: “ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe; ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”