Matthew 5:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Kude kudlule izulu nomhlaba, alisayi kuza lidlule nalinye iganyana umhlaumbi namnye umgcanyana emtetweni, kungekenzekanga konke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.