Matthew 5:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako osukuba ewutshitshisa omnye walemiyalelo noko umncinane kuyo yonke, afundise abantu ngokunjalo, uya kubizwa ngokuba ngomncinane kubo bonke ebukumkanini bezulu; kodwa osukuba e y enza, e yi fundisa noku yi fundisa, lowo uya kubizwa ngokuba ngomkulu ebukumkanini bezulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.