Matthew 5:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ngoko iliso lako lokunene liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.