Matthew 5:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ukuba isandla sako sokunene siyakuxakanisa, sinqumle, usilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ke isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqumle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nokuba isandla sakho sokunene siyakulahlekisa, sinqumle usilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uye esihogweni.”