Matthew 6:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Ngokuba bubobako ubukumkani, namandla, nobungcwalisa, kude kube ngunapakade. Amene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni.Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa usihlangule ebubini. Kaloku ubukumkani bubobakho, namandla, nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ungasiyekeli ekulingweni, koko sihlangule kumtyholi; [kuba ngenene nguwe olawulayo, namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’