Matthew 6:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako nxa nizilayo ukutya, ningabi njengabahanahanisi nisiti kunubembe; ngokuba bebenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini bezila. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.