Matthew 6:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze ungabonakali ebantwini uzila, kodwa ubonakale kuyihlo osemfihlekweni; noyihlo obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.”