Matthew 6:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako nxa uwenza amalizo, ungahlokomisi ixilongo pambi kwako, njengokuba abahanahanisi besenza ezindlwini zentlanganiso nasezindleleni, ukuze badunyiswe ngabantu. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi *ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.