Matthew 6:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa xeshekweni iliso lako lenzakele, wonke umzimba wako woba mnyama. Ukuba ngoko ukukanya okupakati kwako kububumnyama, ubumnyama obo bukulu kangakananina!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba iliso lakho alilunganga, umzimba wakho uphela woba sebumnyameni. Ke, ukuba ukukhanya okukuwe kububumnyama, koba mnyama kangakanani!”