Matthew 6:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko mntu ongakonzayo inkosi ezimbini: ngokuba eya kutiya enye, atande enye; okanye, uya kubambelela kwenye, adele enye. Aningekonze utixo nobutyebi kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya.Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.