Matthew 6:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo yinina ukuba nitukutuzelele izivato? Gqalani inyibiba zasendle, ukuba ziti nina ukuhluma; azisebenzi, azisonti kanjako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Gqalani iinyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Qondani ngeenyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kananjalo yini na ukuba nixhalele into yokunxiba? Khaniqwalasele ukukhula kweenyibiba zasendle; azisebenzi, azithungi nokuthunga;