Matthew 6:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo nxa utandazayo, akuyi kuba njengabahanahanisi; ngokuba betanda ukutandaza bemi ezindlwini zentlanganiso nasekujikeni kwezitarate, ukuze babonakale ebantwini. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi;ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu.Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.