Matthew 8:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuhlwa, kwaziswa kuye abangenelwa zidemoni abaninzi; waza wabaku̔pa omoya ngelizwi, nabo bonke ababesifa wabapilisa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wabaphilisa bonke ababesifa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakuhlwa kwaziswa kuYesu abantu abaninzi ababeneendimoni. Wazikhupha ngelizwi ezo ndimoni, wabaphilisa bonke abantu ababegula.