Matthew 8:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Yesu kuye: Impungutye zineminxuma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwane, kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”