Matthew 8:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala, nina balukolo luncinane? Wandula wavuka wakalimela imimoya nolwandle, kwaza kwabako ukuzola okukulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kubo: “Kutheni na ukuba noyike kangaka, nina balukholo luncinane?” Waphakama ke, wawukhalimela umoya namaza, kwabakho ukuzola okukhulu.